
nesanti okanye zibe bomvana, amehlo wona ayakhanya okanye abe luhlaza okwesibhaka-bhaka.
Iinkawu zixhaphaka kwiintsapho ezithile kwaye ibakho ebantwini abangama-4 000 abaNtsundu. Zixhaphake kakhulu kubeSuthu, abeTswana namaSwazi kunakumaZulu namaXhosa.
Iinzululwazi kule mihla ziyazi ukuba ubunkawu abubangelwa mntu, bungabangelwa nayimimoya engendawo, koko lufuzo olungenzeka nakuluphi na usapho.
Le meko ilufuzo olunokufumaneka kubazali BOBABINI, umama notata. Ukuba ngaba ikho kumzali OMNYE usana ALUYI kuba yinkawu!
Kubalulekile ke ngoko ukuba abazali bangabekani amabala endaweni yoko bazi ukuba ubunkawu:
a) abenziwa kukutya okuthile okutyiwe ngumama, ngumothuko okanye yingozi abe nayo esakhulelwe;
b) abenziwa kukuba wahleka inkawu, wayileqa okanye wayigculela;
c) akwenziwa yimimoya emibi, sisiqalekiso okanye sisohlwayo (nanjengoko Iichaza igama layo lesiZulu) esivela kwizinyanya okanye kuye nabani na.
Ngoko, abazali abanomntwana oyinkawu akufuneki bazive benetyala ngokuba nomntwana onjalo. AYIKHO into ebebenokuyenza ukuthintela ukuzala inkawu!
Okubi kukuba xa bekhe bazala inkawu abazali kungenzeka ukuba baphinde bazale enye. Abanye babantwana babo abayi kuba ziinkawu, kodwa bungahlala bukhona egazini labo baze mhlawumbi bazizale nabo xa behlangene nomnye umntu onabo.
Abazali bomntwana oyinkawu abanqwenela ukuba nabanye abantwana kodwa bexhalabile ukuba basengalekelisa ngenye kufuneka batyelele iklinikhi ekufutshane nabo ukuze bacetyiswe. Abasebenzi baya kuyiphendula imibuzo yabo babadibanise nomongikazi oyincutshe kwezofuzo okanye iklinikhi
Le yinkawu enguMlungu. 

Nangona iinkawu zixhaphake kwabaNtsundu, z!kho nakwezinye iintlanga. Apha sibona inkawu eliNdiya.
UNONOPHELO LOLUSU
NAMEHLO ENKAWU LUFUNA:
a)	Izame ukungadibani nelanga pbakathi kweye-lI:OO neye-14:OO;
b)	Ithambise zonke iindawo ezivelileyo izithambiso ezikhusel 'e1angeni;
	c) Inxibe iminqwazi emikhulu yelanga, iihempe ezinemikhono emide neekhola ezigquma umqala
 .kwaye kufuneka zisoloko zinxibe iziketi okanye iibhulukhwe ezinde;
d) Akuthi dlundlu umntwana oyinkawu, kufuneka abazali badibane nogqirha wamehlo ukuze amlungiselele iindondo ezimnyama neziza kurnkhusela elangeni;
e)	Esikolweni kufuneka umntwana oyinkawu anxityiswe izipeksi ukuze abe nokungasileli ezifundweni, kwaye nootitsha1a kufuneka bazi ngokubanzi ngokudalwa Iilanga emntwaneni oyinkawu;
i)	Xa umntu oyinkawu efuna umseben.zi, makaqinisekise ukuba akazusebenza elangeni, makafumane umsebenzi ongaphakathi endlwini.



ejongene nezofuzo.
Ayinakunyangwa ingenakuguqulwa nangugqirha into yokuba uyinkawu kodwa kuninzi okunokwenziwa ukuphucula ubomi bomntu oyiyo.
Abazali beenkawu kufuneka bazise kwiklinikhi ejongene nofuzo ziseziintsana. Abasebenzi balapho baqeqeshiwe, yaye banokukuchazela ngokubalulekileyo omawukwazi malunga nale meko. Ezi klinikhi zifumaneka kuwo olithoba amaphondo eli. Iklinikhi ekufutshane nawe iya kukuthumela konokufikelela kuyo. Kukwakho nabanye abantu abaziinkawu, abadala nabancinci, kwanabazali abakwanengxaki efanayo apho. Nanjengoko bezifumanisa bengamalolo abazali bomntwana onesiphako esilufuzo kubalulekile ukuba umzali wenkawu adibane nezinye iinkawu nabazali bazo.
Kukwabalulekile nokuba iinkawu esezikhulile zimane ukutyelela eziklinikhi ziyofurriana amacebiso, zibone nokuba azifanele zifumane unyango na okanye zenziwe utyando oluya kuzinceda eluswini nasemehlweni.
Nanjengoko iinkawu zinolusu namehlo akhanyayo, azivani nelanga. Oku kubangela ukuba zitshiswe lilanga xa zingalugqumanga ulusu.
Oku kubangela izilonda namabala eluswini lwazo. Zinokuba zibi kakhulu ezinye, kanti xa zinganyangwa zingaguquka zibe ngumhlaza wolusu.
Iinkawu zikwaphandlwa lilanga, ngoko kufuneka zizikhusele kulo. Xa zingakhuselekanga ngokufaneleyo elangeni amehlo azo aba buhlungu
Oku kwenza inkawu ingaboni kakuhle, yaye isenokuba yimfama ekuhambeni kwethuba. Ngenxa yezi zizathu iinkawu kufuneka zisoloko zilukhusele ulusu namehlo azo elangeni. 




U KUBELEKA
Kufote uDave Ellinger
NGOTYAN DO




68 BONA XHOSA- December 1996
Nokuba umama angabeleka ngokuqhelekileyo na okanye ngotyando, eyona nto ibalulekileyo lusana oluphilileyo nomama ophilileyo.






























K
 UKHO ukunganeliseki kumabhinqa. Akhalaza ngokuba maninzi amabhinqa abelekiswa ngotyando kungekho zizathu ziphathekayo zoko.
Amabhinqa aNtsundu athi akanazinqe zimxinwa, ngoko akasiboni isizathu sokubelekiswa ngotyando. Athi oko kwenzelwa nje ukuqeqesha oogqirha abasafundayo, ingakumbi kwizibhedlele eziqeqesha oogqirha.
Ngaba kuyinyaniso oku? Kona ke, sikhona isizathu esibangela amabhinqa oyike?
lnokuba yingozi le nkxalabo, utshilo ugqirha wezifo zamabhinqa ethethe naye IBONA. Kukho oomama abanokungavumi ukubelekiswa ngotyando ze babeke ubomi babo nobeentsana zabo esichengeni.
Ukuba ngaba indalo ibiqinisekisa
Wonk' umama unqwenela ukulubeleka ngokuqhelekileyo
usana lwakhe, kodwa akwenzeki oko maxa wambi. Oogqirha babacebisa ukuba
batyandwe. UPRIMROSE WILLIAMS uthethe nogqirha wezifo zamabhinqa ukuze aphelise ukuxhalaba okukhathaza amabhinqa ngokubeleka ngotyando.



ukuba wonke umntwana ubelekwa lula kungabikho zingxaki nakunina, ngesingenayo le ngxaki, kodwa ke akusoloko kusenzeka oko.
Ugqirha uchaze wathi, xa ibhinqa libeleka ngokuqhelekileyo, usana lusuka esibelekweni sikanina ludlule
kumqala waso luyokuphuma ngelungu langasese lutyhalwa kukumfaxangeka kwezihlunu zesibeleko.
Xa libeleka ngotyando, ugqirha uqhaqha indawo ethile emazantsi esisu lukhutshwe kuyo usana. Elo nxeba liyathungwa, yaye lidla ngokuphola kwisithuba seeveki ezintathu ukuya kwezine.
Abanye oogqirha abalivumeli ibhinqa ukuba lilunywe ngaphezu kweeyure ezili-12, besoyikisela ukuba oko kunokukhokelela ekubeni usana lundinwe okanye lungafumani moya engqondweni nto leyo inokukhokelela kubudalwa, okanye konzakale izihlunu kwisisu sebhinqa, utshilo ugqirha.
Phofu ke, abanye abangxameli ngotyando, ibhinqa ngalinye balinika ithuba elaneleyo kuba besazi ukuba amabhinqa athabatha ixesha














elingalinganiyo xa ebeleka. Sifumanise ukuba zisoloko zikho izizathu ezingajikiyo zotyando, tyando olo oludla ngokucetywa lisakhulelwe ibhinqa. Ugqirha uthe ezo zizathu zezi: xa bhinqa linamarhorho amxinwa olungenakuphuma ngokukhuselekileyo usana kuwo; xa ibhinqa lenzakala kumarhorho yaza yatshintsha indlela ame ngayo; xa ibhinqa linesifo esenza libe sengozini xa linokuyekwa libeleke ngokuqhelekileyo - umzekelo xa linengxaki yentliziyo. Utyando olwenziwa ngexesha selibeleka ibhinqa lwenziwa xa lilunywe ixesha elide lize lidinwe lingakwazi ukutyhala xa sekufuneka lityhale; xa ibhinqa lisopha ngamandla linganqandeki igazi; xa isibeleko singawenzi umsebenzi waso wokutyhala usana; xa lungenako ukuphuma usana ngenxa yokuxaba kwalo; xa intloko yalo ixaba ngasekuphumeni ingaqhubeli phambili; xa usana luneempawu zokuphelelwa ngamandla; naxa inkaba ivela kuqala kunentloko. Kwiimeko ezinjalo ibhinqa libalekiselwa egumbini lotyando, usana lukhutshwe ngokukhawuleza
kusindiswa impilo yalo nekanina maxa wambi.
Kucotyiswa ukuba ibhinqa tingazali ngaphezu kwabantwana abathathu ngotyando kwaye kufuneka lime lingalamisi ingekapheli iminyaka emithathu ubuncinane ukuya kwemine phakathi komntwana ngamnye.
Ukuba ibhinqa liya kuphinde libeleke ngotyando okanye ngokwendalo kuxhomekeka kwisizathu esabangela ukuba Iityandwe ekuqaleni, uchazile ugqirha. Ukuba ngaba yayingeyongxaki yokuba namarhorho amxinwa okanye esinye isizathu esiya kuba yingxaki kwakhona xa liphinda libeleka, linako ukubeleka kakuhle kwixa elizayo.
Eyona ngxaki yeyokuba xa ibhinqa livunyelwa ukubeleka ngokuqhelekileyo okwesibini, isenokuqhaqheka indawo elalityandwe kuyo esibelekweni.
Kodwa xa zivuma iimeko kwaye usana lungalukhulwanga namarhorho ebanzi ibhinqa lingavunyelwa ukuba lizame ukuzibelekela, kodwa izixhobo zotyando zihlala zilungisiwe kuba xa
kusenzeka lilunywe ixesha elide okanye lifunywa ngamandla oko kungasonza ethe-ethe isiva sotyando lwangaphambili.
Umongikazi obelekisayo esithethe naye ucebise ukuba ukuze amabhinqa aphelise uloyiko analo ngokubeleka ngotyando, afanele azibandakanye xa kuthatyathwa izigqibo malunga nonophelo lwawo nangendlela aza kubelekiswa ngayo.
Ezona nkcukacha zibalulekileyo ibhinqa ekufuneka lizifumane, eyokuqala yingxelo yokukhula kosana esiswini, ilandelwe ziindlela zokubeleka.
Uninzi lwamabhinqa luneentloni ukufuna iinkcukacha, kanti akufuneki oko. Esinye sezizathu zokuya eklinikhi xa ukhulelwe kukufumana zonke iinkcukacha, ngoko babuze abongikazi, babuze oogqirha.
Ngokokubona kwakhe kodwa, Nokuba kwenzeka ntoni xa ulunywa ubeleka, amabhinqa makazi ukuba eyona nto ibalulekileyo lusana oluphilileyo nonina ophilileyo. Ukuba utyando luyakwenza oko, ngaba sikho isikhwasilima? utshilo elokuqwela. 







INOBUNONO
IYAMAN GALISA
Theresa Endirnthandayo
Ulusu lwam Iuyanyinyitheka, ndinamaqhakuva, ndithini? NguJ.P., eThekwini
Yitya ukutya oknesondo okuneziqhamo, imi funo esandul' ukuvunwa namanzi, yenza imithambo rhoqo, laIa ngokwaneleyo. Kodwa okona kubalulekileyo, Iugcine ulusu Iwakho Iucocekile, sebenzisa iimueliso iGentle Magic Skincare qho kusasa nangokuhlwa. Kwipakethi nganye uza kufumana imiyalelo yendlela yokusebenzisa imveliso nganye.

Theresa Endimthandayo
Ndinolusu oluhle gqitha. Ndingalugcina njani Iuhlale lunje?
	NguP.Z., eGauteng	..
	Ziyeke izinto ezinganik impilo, zikhusele
	kwiziphumo ezerzzakalisayo zocinezeleko
	lwengqondo. Kodwa kukho iimveliso
	onokuzisebenzisa umphelo zakwaGentle Magic
	ezinokukhathale(a ulusu lwakho o!uthandayo,
	ezingenakuthanjiswa nje ebusweni kuphela
	kodwa naphi na.











Amanye amantombazana afikisa
ngaphandle kweengxaki nokuthomba
kwawo akubi nazingxaki, kanti
kwamanye oko kusisiqalo
seengxaki ezibakho zonke iinyanga. Ulwazi ngokuya
exesheni nonobangela kwako
kungenza zingabi muncu
kakhulu izinto.
kubalisa uPRIMAOSE WILLIAMS
kufote uDAVE ELLINGEA
INDLELA YOKUXELELA INTOMBI YAKHO UKUBA YAKHULA

A
 BANTWANA bayakhawuleza ukukhula kule mihla, kwaye bathi ngenxa yokuqava kwabo kunabantwana bakudala basitsho silibale ukuba basebancinci nabo basazoyika izinto esasizoyi ka ebuntwaneni bethu.
Ukuba ngaba akukathethwa ngalo mcimbi, kumelwe axelwele amantombazana aneshumi leminyaka ubudala (namakhwenkwe ngokunjalo) ngeenguqu amakazilindele emizimbeni yawo.
Nayiphi na into esingenako ukuyilawula eyenzeka emizimbeni yethu iyoyikisa kwaye ukuya exesheni kungayothusa intombazana engakhange ixelelwe ngako.
Zihle zibonakale iimpawu xa intombazana sel' izakuthomba. Ngaphambi kokuba ithombe imila uboya kwiindawo ebezikade zimpuluswa kuntshule amabele nomzimba uqulungane.
Kubalulekile ke ngoko ukuba ushukuxwe kakuhle umcimbi wokuya exesheni. Ukuba ngaba usebenzisa amagama afana nezothe okanye ugxininisa ukuba kuyangcungcuthekisa, ungayenza intombi yakho ixhalabe ngako.
Kwakhona asikho isizathu sokuba uyiyalele ukuba ingahlambi, ingadlali
okanye ingaqubhi xa isexesheni. Kokona kubalulekileyo ukuba ihlambisise ngobunono xa isexesheni.
Ugqirha wezifo zabasetyhini (igynaecologist) uchazele iBONA ngezinto emazilindeleke xa intombazana isiya exesheni neengxaki zako.

KUTHENI IBHINQA LISIYA EXESHENI?
Kuyinxalenye yobomi bomntu obhinqileyo kwaye kuchaza ukuba sele engazala. Ukuya exesheni kukucocwa kwesibeleko okwenzeka nyanga zonke. lsibeleko sinenwebu ethile ethamba ibe tofo-tofo nyanga zonke ibe negazi elininzi. Oku kulungiselela iqanda elinokuthi liqanduseleke, libe nokukhula libe Iusana nanjengoko usana lukufumana ngale nwebu ukutya kwalo. Ayifuneki nganto le nwebu xa lingaqanduselekanga iqanda ke ngoko iye iphume kancinane kancinane.

UQAIA NINI UKUYA EXESHENI?
Kwenzeka xa intombazana iphakathi kobudala beminyaka elithoba ne-16 kodwa ngokuqhelekileyo ithomba xa ineminyaka eli-12 ukuya kwi-13. Ukuba kodwa ayithombi de ibe ngaphaya kwe-16 leminyaka kufuneka ibonane nogqirha.
KUTHABATHA IXESHA ELINGAKANANI?
Kusenokuba ziintsuku ezintathu ukuya kwezisixhenxe kwaye udla ngokuya nanini na emva kweentsuku ezingama-21 nama-35 nangona ngokuqhelekileyo esiya emva kwentsuku ezingama-28. Oku kubizwa ngokuba yindlela yalowo nalowo aya ngayo exesheni, yaye ibalwa ukusuka kusuku lokuqala lokopha ukuya kusuku lokuqala kwinyanga elandelayo.
Kwiminyaka engama-30 anento (engama-40 kwabanye) usiya exesheni uninzi lwamabhinqa lufumana iingxakana. Kodwa ke iinguqu ezinkulu ezifana nokuqaqanjelwa nokuya ngamandla ithuba elide exesheni zifuna ugqirha.

KUTHENI KUSIBA BUHLUNGU MAXA WAMBI?
Kunzima kakhulu ukunyamezela isiluma. Kunokuqaqamba kakhulu ukumfaxangeka kwesibeleko okuhambisana nokuya exesheni kwamanye amabhinqa de kufuneke asebenzise amayeza kagqirha anokuwanceda nakwisicaphucaphu, kwintloko ebuhlungu nasekuhambiseni.
Nangona kuqaqanjelwa ulutsha namabhinqa aselula ubukhulu becala,



		BONA XHOSA - December 1996 69

70 BONA XHOSA - December 199

